top of page
Writer's pictureInkosazana YabaThembu

LITSHONIL'ILANGA KUMNTWAN'EGAZIšŸ‘šŸæšŸ‘šŸæInto Ka-Nala eNgcobo .... Eeeeembo

LITSHONIL'ILANGA KUMNTWAN'EGAZIšŸ‘šŸæšŸ‘šŸæInto Ka-Nala eNgcobo .... Eeeeembo...Camaguuu maKhosi

Camagu Camagu Mampembe amahle Na Manala akwa Bantwini ndikhahlela kuni zibhekuza,ndikhahlela kuwe mthi Womnquma Thunga-Olukhulu elingawulwa ngamavila ligawulwa zizikhuthali kuphela ndinika imbeko ku swapho lakowethu. Umnquma ngumthi wamahlathi eli lizwe onewonga udumile uyimbalasane unexabiso elikhulu ezizweni zonke ufanelwe yimbeko MPEMBE omhle ndithi ke Phindela emanzini Nzimangwenya šŸŠsilo esikhulu somlambo hamba ubhekise imibombo komkhulu uyokonwaba nezinyanya zakowenu naku Qamata siwombela ingoma yeengxangxasi ziphumile imbila kwaneehuhu ziphumile Izilo zomlambo Ingwenya neentini zabuthelana zonke ngaphezu komlambo zifikile iintaka iinkozi namahlungulu uyiphakamisile ibhanile yesizwe SaMampembe Isizwe naMakhosi aseMampembeni namaphakathi nezinxiba-mxhaka sithi nxe ngumzukulu ka Gadara Mzukulwana ka Nti ka Mrhadlani ka Dlozi ka Mayongo ka Leeba ka Langalibalele ka Hlangabeza ka Mhlabathi UFanyana Gcinumuzi Zanemvula Mpembe uqatso ulibalekile umzamo omhle ufezile lala ngoxolo mzukulwana ka Dingabancedisi ka Sekhethwayo ka Nyakeni ka Siqanda ka Dephula ka Ndzimangwenya ka Sihlahla ka Nala ka Thabethe ndlelantle mvula eyana ngobusuku kwasa kwabonwa ngezikhukhula Nomgquma kaJakadela makhanye enkungwini kuvele ilanga umakhanye ehlungwini kube kuhlwile hamba silo sehlathišŸ†usibhodisele ko khokho uChibi ka Lubelo ka Busobengwe ka Flathelilanga ka Bele ka Lufelwelenja ka Sidwabasenkomo ka Mhuhu ka MPEMBE ka Bucwa Bayete Bayete Thole Lomthwakazi Camagu Gqirha lemvula sizakuphinda sihlangane ngaphesheya komlambo edwaleni lika Dlomo uDlundlulu kwabezindlwana Embo EnkosišŸ™šŸ”„šŸŠšŸ†šŸŒ³






AUDIO-2020-03-25-00-15-27.m4a

23 views0 comments

Comments


Post: Blog2_Post
bottom of page